ISAZISO SESICELO SESIQABU SEXESHANA
NGOKWEMIGQALISELO YOKUPHAKANYISWA KOMTHETHO WOLAWULO LWEZOBULUNGISA WESI-3 KA-2000
EBIBANJWE E ...
Umfaki sicelo ... (iGama eliPheleleyo)
Mmangalelwa ... (iGama eliPheleleyo)
QAPHELA ukuba umfaki sicelo ufuna ukwenza isicelo kwinkundla engasentla ngomyalelo kule miba ilandelayo apha beka ifom yomyalelo efuniweyo
QAPHELA NGOKUNGAPHAYA ukuba umfaki sicelo ufune le dilesi ilandelayo apho aya kwamkela khona inkonzo kunye nokuhanjiswa kwamaxwebhu kuzo zonke iinkqubo.
Misela idilesi ekwiikhilomitha ezisi-8 zenkundla esi sicelo esiphuma kuyo apho umfaki sicelo ayakwamkela isaziso kunye nenkonzo yazo zonke iinkqubo .
QAPHELA NGOKUNGAPHAYA ukuba, ukuba ngaba ufuna ukusichasaa esi sicelo kufunwa wazise umfaki sicelo ngokuchasa kwakho ngokubhalwe phantsi ngo okanye ngaphambi ko ...
Faka umhla ongekho ngaphantsi kweentsuku ezi-5 emva kwenkonzo yesicelo kummangalelwa.
Kufunwa ngokungaphaya ukuba ufune kwisaziso sakho senkcaso idilesi apho uyakwamkela kuyo ukuhanjiswa kwamaxwebhu ingabikho ngaphaya kweekhilimotha ezisi-8 ukusuka enkundleni
Faka umhla ongekho ngaphantsi kweentsuku ezili-10 emva kwenkonzo yesicelo kummangalelwa
QAPHELA NGOKUNGAPHAYA ukuba, kwiintsuku ezili-15 zokwazisa umfaki sicelo ngeenjongo zakho zokuchasa, kufuneka ufayile kwaye uhambise nayiphi na ingxelo efungelweyo ephendulayo kunye nawo nawaphi na amaxwebhu afunekayo.
Qaphela: Umfaki sicelo kwiintsuku ezili-10 uyakuba nelungelo lokufayila nokuhambisa nayiphi na ingxelo efungelweyo ephendulayo, umfaki sicelo unokuhambisa nayiphi na ingxelo efungelweyo ephendulayo. Inkundla ngokwengqiqo yayo inokuvumela ukufayilwa kweengxelo ezifungelweyo ezingaphaya.
Qaphela: Apho kungekho saziso okanye ngxelo efungelweyo ihanjisiweyo kwixesha elinikiweyo ngokwemigqaliselo yomthethwana 6(a) okanye apho khona ingxelo efungelweyo ephendulayo ihanjisiweyo okanye ixesha lokuhambisa ingxelo efungelweyo enjalo ngokwemigqaliselo yomthethwana liphelileyo, umfaki sicelo kwiintsuku ezi-5 emva koko unokufaka isicelo kumbhalisi okanye umabhalane wenkundla, njengoko kunokufuneka kwimeko enjalo, amisele umhla wokuxoxwa kwesicelo: ngaphandle kokuba umfaki sicelo uyasilela ukufaka isicelo ngelo xesha nawuphi na ummangalelwa unokukwenza ngoko nangoko oko ekupheleni kwexesha leentsuku ezi-5. Isaziso esibhaliweyo somhla onikwe ngumbhalisi siyakunikwa umfaki sicelo okanye ummangalelwa, njengoko kunokufuneka kwimeko enjalo, kuwo onke amanye amaqela.
ISAYINWE e ...ngolu ...suku ...20...
UMFAKI SICELO OKANYE IGQWETHA LAKHE
idilesi
IYA:
KUMMANGALELWA
idilesi uMbhalisi okanye uMabhalane weNkundla.
